


 Kumel' ukuba ukhe weva kusithiwa ukuncancisa kungcono xa kuthethwa ngokondla usana. Mhlawumbi umakhulu wakho waxelela umama wakho waza ukhokho wakho waxelela umakhulu wakho...
Sonke siyazi ukuba amaxesha ayatshintsha. Uyakwazi ukulesa ufunde - mhlawumbi umakhulu
wakho akazange. Namhlanje unefriji - umakhulu wakho ngokuqinisekileyo wayengenayo! Kodwa ezinye izinto azitshintshi. lintsana ziyabafuna omama bazo njengokuba zazinjalo kuma-90 eminyaka edlulileyo. Iintsana zale minyaka kufuneka zincanciswe ukuze zikhule zomelele, zisempilweni, zikrelekrele zize zikwazi ukujamelana nobomi!





UKUNCANCISA KUSABALULEKILE - NCEDA USANA LWAKHO.



UKUNCANCISA KULUNGELE USANA LWAKHO

* Ubisi lwebele lunezondlo eziyimfuneko nezilungele usana
* Ubisi lwebele kuphela kokudla okungenazintsholongwane!
Luneseli ezikhusela usana kwizifo, njengomhlaza weentsana.
* Ukuncancisa kunceda umntwana akhawuleze akhule -ngokwasemzimbeni, ngokwasengqondweni nangokwemvakalelo.

UKUNCANCISA
KULUNGELE NAWE
* Ukuncancisa kwakha ubuhlobo phakathi komama nosana.
* Omama abancancisayo basoloko bezolile bekwazi ukujamela


nocinezeleko lwengqondo lokukhathalela usana.
* Umhlaza wamabele nowesiyilelo-maqanda awufane uhlasele abasetyhini abakhe bancancisa ebomini babo.
*Akufuneki uluhlawulele olu bisi -lolwasimahla!
* Oomama abancancisa iintsana zabo baxhamla uhlobo lwemvelo lokuthintela ukukhawula.


UKUNCANCISA KULUNGELE ILIZWE
* Ukuncancisa kokwemvelo,
kuyindlela ebuya izihlaziye. Kuziswa kusana lwakho kungangcoliswanga okanye kungapakishwanga kokuyinkcitho.
Akukho nto efana nenkcitho xa kuthethwa ngokuncancisa kuba kuveliswa kusisixa esisiso ukwenzela iimfuno zosana.


OOMAMA
ABASEBENZAYO
BANOKUBANCANCISA
NJANI ABANTWANA
Ukuba akunako ukuncancisa usana lwakho emini, unako ukulukhama ubisi ugoduke nalo. Ubisi lwamabele lunokugcinwa kwikomityi ecocekileyo, igqunywe ize ibekwe nje kwiqondo lobushushu bendlu, lunokuhlala lungonakali de kudlule iyure ezi-6. Emva kweli xesha lunokufakwa efrijini, luze lusetyenziswe kuma-24 eeyure. Lunokufudunyezwa luze lunikwe usana lwakho ngumntu olukhathaleleyo kusuku olulandelayo uphangele.
Inkoliso yeentsana ezincanciswa ngoomama abaneHIV azosulelwa
ngobisi lwamabele. Uphando lwamvanje ludiza ukuba sesichengeni sokosulelwa kukhulu xa unina osulelwe esancancisa.
Oomama abaneHIV kufuneka balulekwe ngoonompilo malunga neenzuzo zokuncacisa abantwana babo kwanengozi zokosulelwa ngeHIV xa besancancisa. Kufuneka bafune inkcazelo ngeengozi noncedo olunokufumaneka malunga nezinye iindlela zokuncancisa
INDAWO
ONOKULUFUMANA
KUZO UNCEDO
NAMACEBISO

Ukuze uncedwe ucetyiswe ngokuncancisa, yiya kwiklinikhi ekufutshane nawe.
EZINYE IZIBAKALA NGOKUNCANCISA

Phantse namphi na umama unokuncancisa. Zisuka nje emva kokuzala kufuneka ancancise.

Phantse namphi na umama unokuvelisa ubisi olwaneleyo, ukuba usana lufuna ibele nanini na kuquka nasebusuku.

Okukhona usana luncanca kokukhona kuveliswa ubisi. Ukuba endaweni yokuncancisa usebenzisa ubisi lweentsana olungumgubo, ubisi lwamabele luza kuncipha.

Ukuncancisa kufuneka kuqhubeke de usana lube luneminyaka emibini nangaphezulu xa kunokwenzeka.

KUTHIWANI
NGOOMAMA ABANE-HIV





NDAWENI yokuba abukeke okwegosa lezendlela ubonakala ngathi ngumntu omodelayo. Ufanele ukuba ukhe ulive ilizwi lakhe elimyoli kwiRadio Metro ekunika ingxelo yokuhamba kwezithuthi ngamaxesha kaxakeka ezindleleni. NguAngela Mokasi lowo, odume ngegama likaAngie.
Usebenzela eNancefield eSoweto kwaye uneminyaka emibini esebenza kwisebe lezendlela.
Ndisengumfundi ndandikonwabela ukuwelisa abanye abantwana indlela kufutshane nesikolo sam. Ndawuthanda
loo msebenzi wokuba luncedo ebantwini xa bewela indlela ngokukhuselekileyo, ukhumbule.
Ndaqonda ngoko ukuba ngowona msebenzi ndiza kuwenza lowo, utshilo.
U-Angie uyinzalelwane yaseNaledi kwaye wafunda eSt. Matthews eRockville, eSoweto amabanga akhe aphezulu. Akazange ayicinge nokuyicinga into yokwenza msebenzi wumbi ngaphandle kowolawulo lwezithuthi nokhuseleko ezindleleni.
NgoFebruwari ka-1994,
ekungunyaka olandela owaphumelela ngawo ibanga leshumi, wafumana
ilayisenisi yokuqhuba waza ngojulayi kwangaloo nyaka wafumana umsebenzi asawenza nanamhlanje.
U-Angie uqeqeshwe eJohannesburg Traffic Academy, kodwa uqeqesho alubanga koko ebekulindele.
lzinto azibanga njengendlela ezibonakala ziyiyo xa ungekangeni -uqeqesho belunzima. Bekulindeleke ukuba umntu afunde kakhulu ngexeshana nje elingephi, ukhumbule.
Akubangakho zingxaki zingakanani kuba ibingumsebenzi ebendizimisele ukuwenza. Ndazinikela ndaphumelela kakuhle ekupheleni kwezifundo.





110 BONA XHOSA - September 1997

		BONA XHOSA - September 1997 111

BONA XHOSA September 1997	U-Angela Mokasi onama-22 eminyaka

